

ULinda wayeyi ntombazana encinane eyayihlala nabazali bayo ihlakaniphile. Babe hlala ezifama kwa Duka eBerlin.
Umama wakhe wayesoloko emxelela ngokubakuleka kwemfundo. Wayesithi xa ufundile akukho ndawo ungena kuya kuyo. Imfuno imvula yonke iminyango, uyakunqandwa zinkwenkwezi.
ULinda waqalisa isikolo. Isikolo sasi kude ehamba ngenyawo kwakungekho zithuthi.
ULinda wafunda wade wakumabanga a phezulu apho abenengqwalasela yokuba amantombazana ayasiyeka isikolo aye kwenda. Yamkhathaza lento
Umama kaLinda wambalisela ukuba kukho umthetho owamiswayo ukuba amantombazana xa eneminyaka elishumi elinesihlanu mawa yeke isikolo aye kwenda.
ULinda wakufunda edyunivesithi apho afunde le ezomthetho. Uphumelela wabanesidanga sobugqwetha
Into wayenzayo wayokuvula ityala lokuba kutshintshwe umthetho oxhaphaza abantu base tyhini.
ULinda waliphumelela ityala watshintsha umthetho. ULinda, imfuno yamvulela onke amacango wabubonakalisa ubukrelekrele nokukhalipha kwakhe.

