UKUHLAKANIPHA KUKA LINDA
Ntombekhaya Ntshanta
Wiehan de Jager

ULinda wayeyi ntombazana encinane eyayihlala nabazali bayo ihlakaniphile. Babe hlala ezifama kwa Duka eBerlin.

1

Umama wakhe wayesoloko emxelela ngokubakuleka kwemfundo. Wayesithi xa ufundile akukho ndawo ungena kuya kuyo. Imfuno imvula yonke iminyango, uyakunqandwa zinkwenkwezi.

2

ULinda waqalisa isikolo. Isikolo sasi kude ehamba ngenyawo kwakungekho zithuthi.

3

ULinda wafunda wade wakumabanga a phezulu apho abenengqwalasela yokuba amantombazana ayasiyeka isikolo aye kwenda. Yamkhathaza lento

4

Umama kaLinda wambalisela ukuba kukho umthetho owamiswayo ukuba amantombazana xa eneminyaka elishumi elinesihlanu mawa yeke isikolo aye kwenda.

5

ULinda wakufunda edyunivesithi apho afunde le ezomthetho. Uphumelela wabanesidanga sobugqwetha

6

Into wayenzayo wayokuvula ityala lokuba kutshintshwe umthetho oxhaphaza abantu base tyhini.

7

ULinda waliphumelela ityala watshintsha umthetho. ULinda, imfuno yamvulela onke amacango wabubonakalisa ubukrelekrele nokukhalipha kwakhe.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UKUHLAKANIPHA KUKA LINDA
Author - Ntombekhaya Ntshanta
Illustration - Wiehan de Jager, Jesse Breytenbach, Magriet Brink, Rob Owen, Brian Wambi, Adonay Gebru, Salim Kasamba
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs