

Ukumkani ungwenya wayenesizungu ehleli ebhotweni lakhe lobukumkani kumthi omkhulu ophezulu. Wacinga icebo lokuzonwabisa kunye nezilwanyana zonke zehlathi. Wabizela kuye zonke izilo nezilwanyana, zabuthelana ndawonye.
Zahlanganisana izilwanyana zonke phambi kwakhe. Wathi, bhotani zilwanyana nonke. Zathi, bayethe kumkani. Ndinecebo lokuba sonke sidlale umdlalo ozoba nembasa, ukuze athi odlale ngempumelelo afuman loo mbasa. Zabanomdla izilwanyana, zavuma.
Wakhupha umkhonto uKumkani. Zaqala zoyika.izilwanyana, zisoyika ukuhlatywa ngomkhonto. Zanxakama, zavungama zingcangcazela zijonge loo mkhonto. Wathi uKumkani, musani ukoyika, kaloku lomdlalo uzokwenziwa ngalo mkhonto. Zaqala zaphulaphula.
Nali icebo lam. Umntu ngamnye ojule lomkhonto wayowa kude Lee kubanye , Nguye oyakufumana imbasa. Zavungama izilwanyala, sengathi ulula noko lomdlalo. Yaseso isilwanyana sangenela ugqatso. Nam ndiyafuna utshula, Nam ndiyafuna.
Kwaqala indlovu yatshula. Yathi indlovu ndinamandla andinokohlulwa kutshula lomkhontwana. Yahlela umva yathi ndizonibonisa ikuba ukhonto utshulwa kanjani. Yaya phambili ngesivinini esikhulu, yawutshula umkhonto, wayowa kudana.
Yaya nayo iNgulube yasendle. Yathi ngamanzi amancane la. Yahlehla umva. Yagqotsela phambili, yawuphosa umkhonto, wayokuwa kude malunga neeMitha ezimashumi amabini. Zaqhwaba isandla ezinye isilwanyana ngoba eyodlule indlovu. Yadana indlovu.
Yaphumela etshatshalazeni imfene, yathi, khanithi ndinibonise ukuba utshulwa kanjani umkhonto, Hayi lendlalo niyenzayo. Wahlela umva uMfene wantinga waya phezulu wawuphosa umkhonto ephezulu njalo. Wayokuwa kude umkhonto iMitha eziyi30
Hayi yimani. Watsho uSpringbhokhwe uphumela elubala esithi ukuba kuyantingwa zinto zam ezo. Wahlekwa zezinye isilwanyana zisithi wazini ngokutshula loBhokhwana. Wathi, kanti ndizokunibonisa. Watsho enokuzithemba uBhokhwana wabantu.
Wathi ngenxa yoba bemenyelisa waba budana uBhokhwana. Wangenelela uKumkani wathi, mamelani apha lomdlalo ngowethu sonke, akekho onelungelo lokuhleka omnye. Kufanele simhloniphe lowo uzigqatsayo, nokuba ukhangeleka emncinane kuni. Siyevana.
Wabuya umva uBhokhwana, wabaleka kakhulu etsiba-tsiba. Wawuphosa umkhonto ngamandla amakhulu kwade kwavakala isandi somoya akuwutshula umkhonto. Wabhabha emoyeni umkhonto unesosandi sikhulu, wayokuwa kumgama ongang45 Mitha. Wabodlula bonke.
Waphumelela emagqabini uBhokwana. Wavuyisana naye uKumkani, engawuv'umlomo uBhokwana luvuyo. Esithi ndiyintshatsheli YOKUTSHULA. Ukumkani wasibamba isandla sikaBhokhwana wathi, usukela namhlanje ndazisa ukuba nantsi INTSHATSHELI YOKUTSHULA

