UBonga nentonga yobugqi
Confidence Dlova
Yola Dyan

UBonga wayeyinkwenkwana kwilali ethile kuGatyana. Wayehlala nabazali bakhe ababengaphangeli. Imalanyana ababenayo yayikwazi ukuthenga ukutya kuphela.

1

Ngenye imini wacela abazali bakhe bamthengele ibhayisekile. Wabaxelela ukuba umhlobo wakhe uSipho wayenebhayisekile entsha kwaye wayemvimba engafuni uba makakhwele. Abazali bakhe bathi abanayo imali yokuthenga ibhayisekile.

2

UBonga wakhathazeka kakhulu, waphuma ebaleka kakhulu elila. Waya ngasemlanjeni, wahlala phantsi, walila. Weva ilizwi elimnandi elincinane limbiza.

3

Wajonga phezulu, wabona intombazana engaqhelekanga, incumile ijonge kuye. Le ntombazana yayinamaphiko kwaye yayibhabha apha phezu koBonga. Yayiphethe intonga yobugqi. "Ulilelani Bonga?", yabuza intombazana iphakamise intonga yayo emoyeni.

4

"Ulazelaphi igama lam?", wabuza uBonga. "Ndazi yonke into. Ndiyakwazi uba ulilela ibhayisekile", yatsho intombazana ihlala phantsi ecaleni koBonga.

5

Intombazana yaxelela uBonga ukuba igama layo nguCandy kwaye ngentonga yobugqi uzakumenza uBonga alibale ngebhayisekile. Wayiphakamisela emoyeni intonga yakhe, kwavele kwathi gqi ibhokisi egcwele izinto zokudlala, iilekese nezimuncumuncu.

6

"Yeyakho le bhokisi", watsho uCandy. Badlala bobabini ngezinto zokudlala, batya nezinto ezimnandi kunye. UBonga walibala ngebhayisekile, wadlala ngezinto zakhe. Wayenomhlobo omtsha ngok onguCandy.

7
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UBonga nentonga yobugqi
Author - Confidence Dlova
Illustration - Yola Dyan
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs