Ulahlekile uLisa
Akhona Mooi
Akhona Mooi

Kwilali yaseTshabho kwakukho tata uthile owayeneenkomo ezimbalwana ehlala nonkosikazi wakhe kunye nonyana wabo omnye uLisa. Babesokola kakhulu kungekho namnye umntu ophangelayo kolu sapho.

1

Utata kaLisa wayezisa aphinde azilande ngokwakhe iinkomo mihla yonke. Ngenye imini uLisa wacela uyokuzilanda iinkomo. Esahamba, egoduka neenkomo weva ilizwi lisebeza, "Lisa". Wothuka wawakhupha onke amehlo. " Ungubani" ,wabuza watsho.

2

Wabhekabheka wajonga emacaleni akabona mntu waguquka wajonga phezulu wabona icikilishe lihleli esebeni lomthi phezulu liphethe ibhegi eyayigcwele ngamapetyu. Lehlika emthini lambonisa loomapetyu ayemahle kunene.Lamcenga ukuba badlale.

3

Wala uLisa ukudlala kuba ethunyiwe, kodwa zange lidinwe icikilishe ukucenga wade wavuma wadlala. ULisa necikilishe badlala kwamnyama.

Zange zime zona iinkomo zaqhubeka nendlela zagoduka zade zayofika ekhaya kuba zaziyiqhelile loo ndlela.

4

ULisa wantliphinika akuqaphela ukuba kumnyama, wathi "ndizogoduka njani". Lamphulula emagxeni icikilishe, lathi " thula mhlobo wam uzakulala nam apha kulomthi". Lona lalifuna bavuke kusasa badlale. Wangqengqa ecaleni komthi wade walala.

5

Emveni kokuba iinkomo zifike ngaphandle koLisa ,bothuka abazali bakhe bezibuza ukuba kwenzeke ntoni emntwaneni wabo. Bazula bemkhangela ilali yonke kodwa zange bamfumane. Bagqiba ukuba bazakuhlaba ikhwelo ngentseni bakhangeliswe uLisa wabo.

6

Ngentsimbi yesithandathu kwavakala ugoqo goqo phandle. Umama kaLisa owayengazange abuthi cwe ubuthongo waxhuma wavula ifestile wajonga "nguLisa, tata vula nguLisa" waxhuma zehla iinyembezi zovuyo. Watsiba utata wakhe wavula encumile.

7

Bamxhumela, bengaziva yimincili. Umama wakhe walungisa into etyiwayo namanzi ovasa kuba esithi inokuba udiniwe umntwana wakhe. Bamyeka walala , wavuka emveni kweyure wababalisela konke okwenzekileyo bamyala ukuba angaze adlale xa ethunyiwe.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ulahlekile uLisa
Author - Akhona Mooi
Illustration - Akhona Mooi
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs