Inkwenkwana notitshalakazi wayo
Nozuko Phohlongo
Google Art Education resources

UNkosazana Thazi wayengutitshalakazi ongqwabalala kodwa enobubele noko. Wayenomqwalasela kakhulu kubantwana awayebahlohla kwigumbi lakhe.

1

Ngokuhamba kwexesha utitshalakazi waqaphela ukuba inkwenkwana eyayikrelekrele uYana, yayinamaxesha okungabikho esikolweni ingakumbi ngeMivulo.

2

Ngenye imini UNkosazana Thazi wathi, "Yana ndiqaphela intoyokuba akubikho esikolweni ngosuku kokuqala evekini."

3

UYana waphendula wathi, "Ewe titshalakazi andibikho." Zazehlela iinyembezi kuYana. Wamsondeza kuye UNkosazana Thazi wamthuthuzela.

4

Kwacaca ukuba umama wakhe ungumntu ozonwabelayo ngeempelaveki, angakwazi ukulungiselela unyana wakhe ngentsasa yangoMvulo.

5

UNkosazana Thazi wazinika ixesha lokundwendwela kulo Yana. Ngethamsanqa wafika ekhona umama wakhe.

6

Wavuya kakhulu uYana akubona utitshalakazi wakhe, wamhlangabeza echwayitile. Wangena naye kwelotyotyombe babehlala kulo.

7

Wazama ukuthetha nomama ka Yana malunga nokungabikho esikolweni. Embonisa nendlela ebuyisela umva uYana ezifundweni zakhe nangona wayekrelekrele.

8

Kwathi kungagqithanga ziveki zingaphi waxhaphaka uYana esikolweni, egqwesa nasekwenzeni imisebenzi.

9

UNkosazana Thazi wapha uYana ibhedi, kuba wayekwaxelelwe nguye ukuba ulala phantsi kokwabo.

10

Umama kaYana wathi akubona into eyenzelwe umntwana wakhe naye wazibuyisa kwindlela abeyiyo. Wangumzali oncedisa uYana emsebenzini wesikolo.

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Inkwenkwana notitshalakazi wayo
Author - Nozuko Phohlongo
Illustration - Google Art Education resources, Wiehan de Jager, Jesse Breytenbach
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs