UNomfundo nezilwanyana zehlathi
Bulelwa Nokele
Sunaina Coelho

Yayilixesha leeholide zehlobo, kwaye kwakushushu ngendlela engaqhelekanga.

UNomfundo nosapho lwakhe babendwendwele izihlobo zabo eThekwini. Ngaphakathi endlini, kwakutshisa bhe!

Emva kwesidlo sasemini, uNomfundo wathatha incwadi yakhe yokufunda watsho esiya kwihlathi elipholileyo elalikufuphi nendlu leyo babendwendwele kuyo.

1

Indawo awayethanda ukuhlala kuyo xa efunda uNomfundo, yayingumthunzi ophakathi kwemithi emibini emide.

Kwakuzolile kuvakala intsholo yeentaka kuphela.

2

Uthe esafunda kamnandi njalo, weva ngento imbetha kabuhlungu entloko.

Wabhekabheka waze wathi akujonga ecaleni kwakhe wabona incwadana encinci, wazibuza, "Ndize nencwadi enye mna, le ivela phi yona?"

Wajonga phezulu, wajonga ngasemva komthi, kodwa akabona mntu, akabona nto.

3

Kwangelo xesha, kwavela umpukwana kancinci apho phakathi kwamasebe omthi.

Wayeluhlobo olungaqhelekanga lwempuku, olunoboya obuninzi, eneentloni.

Olu hlobo lweempuku lufumaneka eAsiya (Asia), eYurophu (Europe) naseAfrika.

4

UNomfundo wajonga phezulu kwakhona, wabona impukwana ikrobe kalusizi, kucaca nje ukuba kukho into eyikhangelayo.

"Molo, igama lam ndinguNomfundo. Ingaba ulahlekelwe yinto?"
watsho ebuza uNomfundo.

Impukwana efukufuku yabaleka yazimela emva kwamagqabi yothukile.

Yaphinda yaya phambili yathetha ngelizwi eliphakuphaku, "Molo, ndinguMdletshe. Ewe ndilahlekelwe yincwadi yam."

5

"Bendisafunda kwaze kwavunguza umoya ngesiquphe wayiphaphathekisa," watsho ecacisa uMdletshe.

"Ndiyibonile kwaye ndiza kuyibuyisela kuwe incwadi yakho," watsho uNomfundo.

"Njani? Wena ulapho phantsi mna ndilapha phezulu," waphendula ngelitshoyo uMdletshe engaqondi.

Kodwa uNomfundo wayesele ebalekile ukuya endlini! Wayenecebo.

6

UNomfundo waya kuthatha iibhaluni ezazifunyenwe ngumnakwabo omncinci ngemini yakhe yokuzalwa.

Wagqotsa kwakhona ukubuyela ehlathini nezo bhaluni, ezibophelele ngomtya esinqeni sakhe ukuze zimbhabhise anyukele phezulu.

Lasebenza icebo likaNomfundo, wabhabhela phezulu emthini.

"Wamkelekile kwisigqubuthelo sehlathi," watsho echwayitile uMdletshe.

7

UNomfundo wamnika incwadana yakhe uMdletshe.

Ukubonisa ubuhlobo bakhe, uNomfundo wakhulula enye yeeribhoni zakhe wayipha uMdletshe.

UMdletshe wayibophelela emsileni wakhe iribhoni leyo, baza aba babini baba zizihlobo ukususela ngaloo mzuzu.

"Yiza sihambe kunye sibuke ihlathi," watsho uMdletshe.

8

"Kufuneka sichwechwe ke apha, ilulwane leziqhamo lisalele," watsho esebeza uMdletshe.

Kaloku amalulwane azingela ukutya ngokuhlwa, aze alale emini.

Alala phezulu emithini ukuze ahlale ekhuselekile kubazingeli.

9

Bathe besadlala njalo, badibana nesele elihle, elimibalabala, ekuthiwa nguSdumo.

"Molo Sdumo, uphilile?" wabuza kwisele uMdletshe.

USdumo wamangaliswa kukubona umntu phezulu emithini! UNomfundo naye wamagaliswa kukubona isele apho phezulu!

Amasele emithi aphila phantse bonke ubomi bawo emithini.

10

Ngesiquphe, uNomfundo weva isikhalo esitsholo phezulu! Yayiyintaka ikhwaza uMdletshe.

"Hayi bo, asingomntu lowo! Kutheni elapha nje?" yabuza intaka yothukile.

"UNomfundo ngumhlobo wam uhlala kwela lizwe lisezantsi emhlabeni, watsho uMdletshe.

"Musa ukoyika," watsho uNomfundo ekhupha isandla sakhe.

11

Izilwanyana zamamkela uNomfundo zaze zatya kunye naye ukutya kwazo.

Ekupheleni kwemini kwaye kwafuneka uNomfundo agoduke azishiye izihlobo zakhe.

Wayeza kubuyela phaya phantsi onwabile.

Waba nosuku olumnandi kakhulu aluchithe nabahlobo abatsha phezulu emithini!

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNomfundo nezilwanyana zehlathi
Author - Bulelwa Nokele, Sheila Mandlate
Illustration - Sunaina Coelho
Language - isiXhosa
Level - Read aloud