

Kwidolophu ethile kwakukho isityebi sendoda eyayinemali eninzi.Abantu bonke kule dolophu babenqwenela ukufana nale ndoda.Kwenye yevenkile kwakuthengiswa izihlangu ezihle nezazibiza imali eninzi Mna ke ndazalelwa kule dolophu.
Abathengi babengena kule venkile baphume bengaphathanga nto ngenxa yokuba babengenayo imali eyaneleyo.Ngenye imini
,kwangena le ndoda isisityebi.
Yayiphethe imali ngengxowa ,ezinkozo nengamaphepha.
Yayinyalasa,inyantsula ifake izandla zayo ezipokothweni apha evenkileni,yade yeza ngakwicala lam.
Ndangcangcazela ,ndabamba umphefumlo .
Ndaphantsa ndafa xa ikhupha isandla sayo. Ngokukhawuleza! yandithi hlasi ,yathi vu esitulweni yandilinganisa.Yho!inyawo zayo ezinkulu zandicinezela kabuhlungu.
Ivumba lezo nyawo zayo landifuthanisela ndaxakwa nakukuphefumla.Yandibhatala ,yaza yaqhuba imoto yayo yagoduka nam.
Lo mfo wayendinxiba yonke imihla.Lonke ixesha ndandimenza abemhle ,abukeke ahambe ngokuzithemba .
Kodwa azange ndibenabo ubomi obumnandi naye.Wayelixelegu kakhulu yaye esonqena
ukuhlamba inyawo.Ndandizilwela ngokumtsweba apha kwezinyawo zakhe kodwa aziqinise ahambe.
Ndathi ndakuguga akandikhathalela lo mfo.Imvula zazinetha ziphelele kum.Imimoya yayivuthuza kum.Amaqhwa nengqele ayendibetha ndiphandle .Andisathethi ke ngamalanga, anditshisa ndade ndajika ibala lam.
Ndandimanxeba-nxeba kungekho mntu ovelana nam.Ngenye imini kwafika inkwenkwe yandichola.Yayincume olu goso ivuya.Yandithatha yandisa kwivenkile yoMchweli.Apho ,ndajikwa ndenziwa isipaji esihle sexabiso.

