Kwakukho ingwenya eyayithanda ukuhlala elunxwemeni lomlambo nabantwana bayo.
Le ngwenya yafundisa abantwana bayo ukuba bangathembi umntu kuba unengqondo.
Ngenye imini iye yawela indoda ethile.
Ithe isawela yadibana nengwenya embindini womlambo, yamhlasela.
Ithe xa iza kumbulala yacinga umyalelo eyawunikwa ngutata wayo, ukuba umntu yinto enengqondo.
Indoda yathembisa ingwenya ukuba uzakuyiphathela iingqondo yaza yamkhulula, yahlala ethembeni.
Uzibona iingwenya zisahlala ecaleni komlambo nje, zisalindele iingqondo ezazizithenjisiwe.
Zisaqumbile nanamhlanje iingwenya kuba zazithenjiswe ngeengqondo kodwa zange zazifumana.